Ulwimi lusazisi loluntu nenckubeko

--:--
As usual we bring you new stories that focus on the journey of language and how that is connected with identity and being part of society. Today’s episode consists of audio talks produced by the JMS2 podcasting class, where they narrate their personal experiences and observations of their journey of language. Our host… presents the different contexts of these experiences, so that we understand the stories of Nomajola Ntshanga, Tumiso Maseng and Siqhamo Jama.

Njengesiqhelo siniphathele amabali amatsha agxile kuhambo lolwimi kunye nendlela oko kuqhagamshelene ngayo ngokuzichonga kunye noluntu. Isiqendu sanamhlanje siquka iintetho eziveliswe yiklasi ye-JMS2 podcasting, apho babalisa amava abo, kunye noqwalaselo lohambo lwabo lolwimi. Umamkeli wethu… ubonisa iimeko ezahlukeneyo kula mava wabablisi, ukuze siwaqondisisee amabali kaNomajola Ntshanga, uTumiso Maseng noSiqhamo Jama.
11 Oct 2022 Xhosa South Africa Personal Journals

Other recent episodes

Amabali malunga neelwimi ezininzi kunye noguqulo

Kwisiqendu sanamhlanje siniphathele amabali aveliswa ngabafundi beJMS2, uMigcobo Majali, Valentine Ntusi kunye noAbongile Boyce. Umamkeli wethu uLihle Smith usibalisela ngamabali wabafundi beJMS abenze udliwanondlebe nabahlobo babo kunye nabafundi abahlala kwiDyunivesithi yaseRhodes, malunga nentetho yeelwimi ezininzi nokubaluleka kokuguqulelwa kolwimi.
26 Oct 2022 14 min

Ulwimi Kwizifundo noLuntu

Kusasazo lwanamhlanje siniphathele uZandile Jilana oyakuba ngusihlalo wethu. Uzosichazela ngebali likaSiphokazi Bam oye wabuza abahlobo bakhe kunye nezalamane ngamabali abanika umdla, kwaye abanokusibalisela ngawo waphinda wababuza ngepodcast abanomdla wokuyisebenzisa ekubaliseni lamabali kuyo. Siphinde sive amabali wabafundi bebalisa ngolwimi kwiziko lemfundo ephakamileyo.
2 Sep 2022 9 min

Yintoni Ulwimi Kuwe?

Kwi jelo lanamhlanje, usihlalo wethu uKamvalethu usichazela ngamabali awenziwe nguThapelo noMthunzi. Siva kwiMvumi yaseMakhanda noMbhali abasuka kwisikolo sosasazo nobuntatheli eRhodes Yunivesithi. Siphinde sivale ngesiqhelo ngombuzo othi “Yintoni Ulwimi Kuwe?”
12 Jul 2022 12 min

Ibali Ngolwimi Lwam

Kusasazo lwanamhlanje, usihlalo wethu uSiliziwe Mahambehlala usichazela ngamabali kaLona Matuntuta, uAsonwabise noKamvalethu, bona ababalise ngamava ababa nawo ngolwimi baze banemibuzo ngobunzulu bokuzazi wena siqu, ikhaya lakho, nabantu abakujikelezileyo.
27 May 2022 16 min

uMzantsi oLwimi Mninzi

Kule nxalenye yosasazo, uKealeboga Aiseng osebenza kwi-journalism department, uza kukhe akhuphe amabini okanye amathathu. UKealeboga uchaza ulwazi analo ngokuthethwa kweelwimi ezahlukahlukeneyo eMzantsi Afrika nendlela ezi lwimi ezazisetyenziswa ngayo ukuze zahlule abantu, kodwa ngoku zibenza bamanyane zahluke zinjalo. Emva koko kuza kuthetha ootitshala baseYunivesithi nabasebenzi bezikolo ekuthethwa ezi lwimi kuzo, nabesikolo…
11 May 2022 9 min